ISIBHEDLELE IGROOTE SCHUUR: UBUME
|
UBUME
|
ISIBHEDLELE IGROOTE SCHUUR
Isibhedlele iGroote Schuur Hospital, okanye ke iGSH ngamafuphi, sisibhedlele esixhaswa ngezimali ngurhulumente, siseKapa, eMzantsi Afrika futhi sinikezela:
- ngononophelo lwempilo lweengcali kwanolo loompondo zihlanjiwe kwicandelo lezempilo
- uqeqesho lwesikolo olukumgangatho wehlabathi kwabo basafuna izakhono zoqeqesho kwanakubahlali yaye
- isisibhedlele esihlonitshwayo nesikumgangatho wehlabathi kwezophando
Sinokuba sisesona sibhedlele sidumileyo ehlabathi kuba sisisibhedlele apho kwenziwa khona umsebenzi wokuqala woqhaqho-fakelo-ntliziyo ngo-1967. Tyelela iZiko Lolondolozo Lwembali laseGSH ukuze ubone ukuba icandelo litshintshe njani ngokuhamba kweminyaka.
Noko kunjalo, mninzi umsebenzi ekusafuneka ubhiyozelwe owenziwa ngala masebe maninzi esi sibhedlele yaye bangaphezu kwama-3663 abasebenzi abanonophela izigulana ezingaphezu kwama-560 000 ezithunyelwa apha kwakunye nezo zilalisiweyo ngonyaka.
Uninzi lwezi meko lunobuzaza yaye esi sesinye sezona zizathu zenza ukuba iSGH le ibe liziko lokufundisa nelokunyanga elingungqa-phambili. Khawufumanise okunye ngeenkcukacha-manani zesi sibhedlele apha.
|
![]() |

iCrest
Servamus yaseGSH - Siyakhonza
|
|
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 17 uMatshi 2009
|
|
I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe |
 |