| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu
29 uOktobha 2004
iZiko leNtshona Kapa Loqeqesho kuGawulayo, Kulwazi Neengcebiso (iATICC) (Isebe Lezempilo, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
UMBHALI: Western Cape AIDS Training, Information and Counselling Centre (ATICC)
ISISHWANKATHELO
UMTHAMO:
- Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?
- Ingaba Kubalulekile Ukuba Ufumane Iingcebiso Ngaphambi Kokuvavanyelwa Iintshongwane kaGawulayo?
- Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?
- Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?
- Ingaba Umntu Angakwazi Ukuthintela Ukosulelwa Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuthi Abelane Ngesondo Esebenzisa Umlomo?
- Yintoni Unyango Ngamachiza Alwa nentsholongwane kaGawulayo: Lusebenza Njani?
- Kutheni Nje Amanina Amnyama aseMzantsi Afrika Kukhangeleka Ngathi Akowona Mngcipheko Wokuhlaselwa Yintsholongwane kaGawulayo Kunaye Wonke Omnye Umntu?
- Ingaba Angosuleleka na Umntu Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuhlangana nje Noluntu?
- Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
- Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
- Ndingamnceda Njani Ngeyona Ndlela Umhlobo Wam Ophila Nentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo buqu?
- Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?
- Yintoni Ekufuneka Ndiyiqwalasele Phambi Kokuba Ndiveze Ukosuleleka kwam Yintsholongwane kaGawulayo Kwizihlobo Nezalamane Ezisenyongweni
- Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?
- Zeziphi Iingcebiso Noncedo Ezinokunikezelwa Kumashishini Asakhasayo Nakhulayo Ngomba Wentsholongwane kaGawulayo noGawulayo Buqu?
- Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?
- Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?
- Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
- Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
- Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?
- Athini Amathuba Okosuleleka Komntwana Wam Yintsholongwane kaGawulayo/nguGawulayo Xa Adlalayo Esikolweni?
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uJuni 2006