Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Uvavanyo Lomhlaza Wesizalo
INKCAZELO:
Umhlaza womlomo wesizalo nowamabele zezona ntlobo zimbini ziqhelekileyo zomhlaza ezifumaneka kubafazi boMzantsi Afrika yaye bonkÆomama basemngciphekweni wokuhlunyelwa zezi ntlobo zomhlaza.

Umhlaza womlomo wesizalo lolunye uhlobo lomhlaza olunakho ukuthinteleka kakhulu. Bonke omama kufuneka bafumane ukuhlolwa kwesibeleko (a pap smear) kanye kwiminyaka elishumi ukususela kubudala beminyaka engama- 30. Oku kuthetha ukuthi mayela neminyaka engama- 30, 40 kunye nama- 50 obudala.

Inkqubo yokuvavanya ijolise ekufumaneni nasekunyangeni iimpawu ezisaqalayo zomhlaza kumlomo wesizalo, eqhelwe ukubizwa njengo ômlomo wesizaloö. Uvavanyo luqukanisa ukuhlolwa kwesibeleko (or cervical smear), neyeyona ndlela ilula nekhawulezayo yokuvavanya ilungu langaphantsi loomama ukukhangela ukuba umlomo wesizalo uphilile na. Ezinye iiseli zomzimba ziyakhukuliseka ngokuthambileyo zimke kumlomo wesizalo yaye zithathwe zisiwe kumagumbi ovavanyo ziyokuxilongwa.

Ukuqapheliseka kokuqala kweeseli ezingaqhelekanga kuthetha ukuthi uphando oluthe xhaxhe lunakho ukwenziwa yaye nonyango lunakho ukunikezelwa ukuba kuyafuneka, ukuze kunqandwe ukuhambela phambili komhlaza.

Ngamanye amaxesha, iziphumo azicaci yaye kufuneke ukuba kuphindwe kuqatywe isidudu. Abafazi abasele belwenzile uvavanyo kufuneka baphindele eklinikhi baye kukhangela iziphumo zabo zovavanyo.

Khumbula, umxhamli unalo ilungelo lokucela inkcazelo yenkqubo kwangaphambi kwexesha.

Umhlaza womlomo wesizalo unakho ukuthintelwa ngokucezela ekubeni ube namaqabane amaninzi, ukusebenzisa iidyasi ukuthintela ukunwenwa kwentsholongwane yoluntu ekuthiwa yi human papillomavirus (eyayanyaniswa nomhlaza womlomo wesizalo) ukumisa ukwabelana ngesondo ude ube mdala, kwakunye nokungatshayi mdiza.
IMIYALELO:
Hamba uye kwiklinikhi yakho yezonyango yasekuhlaleni. U kuba iziphumo zokuhlolwa kwesibeleko aziqhelekanga, kuya kufuneka ubhukishwe yaye incwadi yokudluliselwa phambili ifumaneke ukuze kubekho olunye uvavanyo kwakunye nonyango kwelinye iziko lonyango okanye isibhedlele somgangatho wesibini nowesithathu. Umxhamli kuya kufuneka abuyiselwe kwakhona kwiklinikhi ukuze ahambele khona kwizihlandlo ezilandelayo.Ukuba ungumhambeli weli ziko lempilo okokuqala, uya kucelwa ukuba ugcwalise ifomu yaye uxwebhu oluneenkcukacha zakho luya kuvulwa. Zisa incwadi yakho yesazisi, incwadi yokudluliswa (ukuba kuyanyanzeleka), naluphi na uhlobo lwamayeza owasebenzisayo kwakunye nekhadi leklinikhi/isibhedlele, ukuba ubusele ubhalisiwe khona.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Umntu obhinqileyo unakho ukufumana uvavanyo lwesibeleko olusimahla kude kube zizihlandlo ezithathu ebomini bakhe, kube kanye kwiminyaka elishumi eqale kwiminyaka engama-30 ubudala bakhe.
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 10 uOktobha 2005
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo