Iinkonzo Zokubeleka
BESKRYWING: |
Oomama bangabelekela kwiikliniki ezisisigxina okanye kumaCandelo okuBelekisa, aqhutywa ngababelekisi ekuhlaleni kubaguli bamaziko ezonyango. Ukuba kuthe kwakho iingxaki ngethuba lokubeleka, baya kuthi bathunyelwe kwisibhedlele esingentla. Oomama abanentsholongwane kaGawulayo bangazibandakanya nenkonzo Yokuthintelwa Kokudluliselwa Kwentsholongwane Ukusuka Kunina Ukuya Elusaneni 1/1]. Oomama abakhulelweyo bayakhuthazwa ukuba beze nabakhaphi xa besiza kubeleka (umyeni/umhlobo/isizalwane), abaziwa ngokuba zii-'doula', ukubancedisa ngethuba lokubeleka. Kuye kwafumaniseka ukuba oomama abahamba nabakhaphi baye bafune amayeza ambalwa eentlungu kuba besiva inkxaso. Oomama bangacela indawo yokuhlala (umzekelo, ukuchopha) ebenza bazive behleli kakuhle ngolona hlobo. Iziko lezempilo liye linike bonke oomama itshathi ebizwa ngokuba yiTshathi yeNdlela esingisa eMpilweni (i-RTHC ngamafutshane kwisiNgesi) akuba umntwana ezelwe. Eli khadi ligcinwa ekhaya yaye kufuneka linikezelwe kumongikazi kutyelelo olulandelayo lwasekliniki. Eli khadi yingxelo eqhubekekayo engempilo yomntwana ukusukela ekuzalweni kwakhe ukuya kutsho kwiminyaka emihlanu ubudala. |
VOORSKRIFTE: |
Ukuba utyelela okokuqala kwicandelo lezonyango, kuza kufuneka ugcwalise ifomu uze uvulelwe uqweqwe lokugcina amaphepha. Yiza nencwadana yakho yesazisi, nalo naliphi na iyeza okanye iipilisi ozisebenzisayo, kunye nekhadi lakho lasekliniki okanye elasesibhedlele, ukuba wawusele ubhalisile ngaphambili kwicandelo elo lezonyango. Yiza nekhadi lomntwana elibizwa ngokuba yiTshati yeNdlela esingisa eMpilweni, ukuba unayo. |
VERSKAF DEUR:
|
STAATSLIGGAAM:
|
Provinsiale Departement van Gesondheid (Wes-Kaapse Provinsiale Regering) |
PRYS: |
Iinkonzo zifumaneka mahala |
Die inhoud van hierdie bladsy is laas op 2 April 2004 hersien