Uvavanyo Lokukhulelwa
BESKRYWING: |
Amakhosikazi kunye neentombi eziya exesheni emva kweveki okanye nangaphezulu kwelo lesiqhelo bayacetyiswa ukuba baye kwenziwa uvavanyo lokukhulelwa. Ezi mvavanyo zenziwa mahala kwiindawo zoncedo lwezempilo. Ukanti, azisoloko zisenziwa. Izixhobo zovavanyo lokukhulelwa zingathengwa ekhemesti. Umongikazi uya kuthi afune umchamo wakho, oza kuthi uvavanywe. Kuya kuthi xa ukhulelo luthe lwaqinisekiswa, lowo ukhulelweyo akhethiswe phakathi kwezi zinto zilandelayo. Ukuba ubani ufuna ukuqhubekeka nokhulelwa oko, uya kuthi athunyelwe kwenye yeendawo zoncedo lwezempilo ezibizwa ngokuba ngamaCandelo okuBelekisa (Ii-MOU ngamafutshane kwisiNgesi). La ke ngamacandelo aphethwe ngababelekisi kwindawo ohlala kuyo, bekwenza oku kubaguli boncedo lwezonyango. Ukuba umama akafuni ukuqhubekeka nokukhulelwa, uvumelekile ukuba abuze malunga nezinye iindlela anokuzikhetha, eziquka ukusikhupha isisu eso |
VOORSKRIFTE: |
Ukuba utyelela okokuqala kwicandelo lezonyango, kuza kufuneka ugcwalise ifomu uze uvulelwe uqweqwe lokugcina amaphepha. Yiza nencwadana yakho yesazisi, nalo naliphi na iyeza okanye iipilisi ozisebenzisayo, kunye nekhadi lakho lasekliniki okanye elasesibhedlele, ukuba wawusele ubhalisile ngaphambili kwicandelo elo lezonyango. |
VERSKAF DEUR:
|
STAATSLIGGAAM:
|
Provinsiale Departement van Gesondheid (Wes-Kaapse Provinsiale Regering) |
PRYS: |
Iimvavanyo zenziwa mahala kumaCandelo kaRhulumente ezonyango kodwa qala uqinisekise ukuba ayafumaneka, ingakumbi ezilalini. |
Die inhoud van hierdie bladsy is laas op 10 Maart 2004 hersien